You can also read the English version of this blog.
Kule bhlog, sicacisela abo banqwenela ukuba ziingcali zomthetho indlela yokuba ligqwetha eMzantsi Afrika ngexesha elincinci.
Kubaluleke kakhulu ukuqonda indlela yakho yomsebenzi kunye nokufunekayo ukuze ube ligqwetha eliphezulu. Oku kuza kukukhokhela nakwikhondo lomsebenzi wakho. Ukuba ukwinqanaba elithile kule ndlela, gcina le bhlog njengesikhokhelo uze ubhekisele kuyo xa sele ukulungele ukuthatha inyathelo elilandelayo.
Amanyathelo okuba ligqwetha ngala alandelayo.
1. Ukupasa i-matriki ngamanqaku afanelekileyo
Kufuneka uphumelele i-matriki kwizifundo ezifanelekileyo. Ukuze wamkelwe e-UP kwinkqubo yesidanga sokuqala se-LLB, udinga i-APS engama-32 ubuncinane. Kuya kufuneka ukuba kwakhona uphumelele ngama-60 ukuya kuma-69 weepesenti kulwimi lwasekhaya lwesiNgesi okanye kulwimi olongezelelweyo.
Nangona kunjalo, ukuze wamkelwe kwinkqubo yase-UNISA ye-LLB, udinga i-APS ezingama-20 nangaphezulu. Ukongeza, kufuneka ube ufumene amanqaku angama- 50 weepesenti ubuncinane kulwimi olo uzakufunda ngalo.
I-matriki yakho ungayifunda nakwesiphi na isikolo samabanga aphezulu esikulungeleyo ukukhupha isatifiketi sika matriki okanye esiyeleleneyo.
2. Ukufunda I-LLB
Isidanga sakho se-LLB ungasifumana kuyo nayiphi na iYunivesithi yaseMzantsi Afrika waze emva kokuphumelela imatriki wahlangabezana neemfuno zokwamkelwa eyunivesithi.
Isidanga se-LLB e-UP sithatha iminyaka emine ubuncinane ukusigqiba. Nangona kunjalo, kunokukuthatha ixesha elide ukuba uyasokola ukuphumelela zonke izifundo zakho. Sicebisa ukuba uzimisele kwizifundo zakho kwaye uzame konke okusemandleni akho ukuphumelela kwiminyaka emine. Oku kuya kukunceda uqhubeke ukuya kwinqanaba elilandelayo lokuba ligqwetha eMzantsi Afrika.
Xa ufunda e-UNISA, kuthatha iminyaka emine ubuncinane ukugqiba. Nangona kunjalo, unokuthatha ukuya kwiminyaka eli-10 ukugqiba isidanga sakho. Njengoko uninzi lwabafundi e-UNISA befunda ixesha elingesosigxina, kudla ngokuthatha iminyaka engaphezu kwemine ukugqiba.
Kuyenzeka nokugqiba i-LLB yeminyaka emibini emva kweminyaka emithathu ye-BA kumthetho okanye isidanga somthetho se-Bcom. Oku kuthetha ukuba izifundo zakho ziya kuthatha iminyaka emihlanu.
3. Ukwenza umsebenzi owenziwa ngeeholide kwifemu yomthetho ebhalisiweyo.
Uninzi lweefemu zamagqwetha lubonelela ngomsebenzi owenziwa ngeeholide kwabo banqwenela ukuba ngama gqwetha eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, uninzi lweefemu zomthetho lubonelela ngomsebenzi weeholide kubafundi abakunyaka wesithathu nowesine kuphela.
Ukusebenza ngexesha leeholide zikaJulayi noDisemba kuya kukwahlula koontanga bakho. Kuya kukunika amava okwenyani ngokwehlabathi. Oku kuya kujongeka kulungile kuxwebhu lwakho lokucela umsebenzi, eya kukunceda ufumane umsebenzi emva kokuphumelela.
4. Ukunkqonkqoza kwakho njengomlingwa
Oku kufuneka kwenziwe kwifemu yomthetho ebhalisiweyo eMzantsi Afrika. Ngeli xesha, uya kusebenza phantsi kwegqwetha elibhalisiweyo. Kufuneka ube usigqibile isidanga sakho se-LLB ukuze uqalise ukusebenza njenge gqwetha elisaqeqeshwayo kwaye wenze amanqaku akho oomabhalana. Nangona kunjalo, sicebisa ukuba ufake isicelo kwezifemu ngelixa ufunda ukunqanda ukuchita ixesha.
5. Uqeqesho lomsebenzi (i-PVT okanye isikolo somthetho)
Kule mihla, umntu ophumelele isidanga se-LLB unezinye iindlela ezikhoyo xa efuna ukwamkelwa njenge gqwetha. Enye yezi ndlela eziluncedo yinkqubo yoqeqesho lomsebenzi oluthatha iiyure ezingama-400, eyenza ukuba igqwetha elisaqeqeshwayo licuthe amanqaku alo omthetho okanye lifake isicelo sokwamkelwa kunye nesokwamkelwa njenge gqwetha kwangethuba.
Le bhlog icacisa iindlela ezahlukeneyo zoqeqesho olufumanekayo kwabo baphumelele i-LLB kunye namagqwetha asaqeqeshwayo eMzantsi Afrika.
6. Ukulungiselela iimviwo zebhodi ezisekelwe kubuchule
Ukugqiba iimviwo zeebhodi linyathelo elilandelayo lokwamkelwa njenge gqwetha. Usenokuqalisa ukulungiselela ezi mviwo ngelixa useligqwetha eliqeqeshwayo.
Iimviwo zebhodi okwangoku ziqulethe amaphepha amane ekufuneka uwagqibe, kuquka:
- Iphepha loku-1: Iinkqubo zenkundla
- Iphepha lesi-2: Ulawulo lwamafa
- Iphepha lesi-3: Ukuziqhelanisa nokuba ligqwetha (elikwabizwa ngokuba liphepha lemigaqo yokuziphatha)
- Iphepha lesi-4: Ukuphendula
Ukusukela ngo-2027 ukuya phambili, abo basaqeqeshwayo kuya kufuneka baphumelele amaphepha amahlanu, aza kwahlulwa ngoluhlobo lulandelayo:
- Iphepha loku-1: Ukuziqhelanisa neNkundla kunye neeNkqubo
- Iphepha lesi-2: Umthetho wenkundla yolwaphulo- mthetho, umthetho wolwazi kunye nomthetho wonxibelelwano lwetekhnoloji
- Iphepha lesi-3: Imiyolelo, amafa, kunye nomthetho womtshato
- Iphepha lesi-4: Iindlela zokuziphatha ezisemthethweni, ukuziqhelanisa nomgaqo- siseko, ukusonjululwa kweembango ezizezinye
- Iphepha lesi-5: Ugcino zincwadi lwamagqwetha, iindleko zomthetho kunye nolawulo lokusebenza
Ikhosi ka-Gawie le Roux yeemviwo zokwamkelwa kwamagqwetha, iya kukunceda ulungiselele iphepha ngalinye leemviwo ngokupheleleyo, noshicilelo kunye namanqaku okufunda.
Ukuphumelela ezi mviwo kubaluleke kakhulu.
Kuya kufuneka ubhalisele ukuchophela iimviwo kwi-lpc.org.za. Amaphepha eemviwo ezigqithileyo ayafumaneka kwi-intanethi ngaphandle kwentlawulo.
7. Ukwamkelwa njenge gqwetha leNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Afrika
Ukwamkelwa linyathelo lokugqibela lokuba ligqwetha eMzantsi Afrika. Okokuqala, gqibezela amanqaku akho nefemu yomthetho ebhalisiweyo, uphumelele iimviwo zakho zebhodi, kwaye ugqibezele inkqubo yomsebenzi wekhosi ecwangcisiweyo. Emva koko unokufaka isicelo enkundleni sokuba wamkelwe njenge gqwetha.
Le yindlela onokuthi usifumane ngayo isicelo sakho ngokulandelelana.
Kuya kufuneka ufake isicelo senkundla ephakamileyo secala elinye. Isaziso sesindululo kunye ne-afidavithi esisiseko kufuneka ziyilwe ngumntu oqeqeshelwa ukuba ligqwetha, zize izibongozo zikutshwe yinkudla. Ukongeza, igqwetha linganikwa amagqabantshi-ntshi ukuze liqhubele phambili nenkqubo yokwamkelwa.
Kufuneka ube neminyaka engama-21 ubuncinane kwaye ube ngummi waseMzantsi Afrika okanye ube ngumhlali osisigxina.
8. Ukusebenza njenge gqwetha
Ekubeni uziphumelele zonke iimfuno, wamkelwa njenge gqwetha, ungaqala usebenze njengomntu womthetho.
Nalu uluhlu lweentlobo ezahlukeneyo zamagqwetha:
- Igqwetha loqhawulo-mtshato
- Igqwetha losapho
- Igqwetha elimele ukufudukela kwelinye ilizwe
- Igqwetha lezorhwebo
- Igqwetha lolwaphulo-mthetho
- Igqwetha lengozi kunye nomonzakalo wobuqu
- Igqwetha lezoshishino kunye neleenkampani
- Igqwetha lokusilela kwemali
- Igqwetha labasebenzi
- Igqwetha lokusingqongileyo
Ezinye iingcebiso zokuba ligqwetha
Ixwebhu lokucela umsebenzi kunye neleta ehamba nayo
Kubalulekile ukulungisa ixwebhu lokucela umsebenzi elisemgangathweni, eliquka lonke ulwazi lwakho, amanqaku esikolo samabanga aphakamileyo, izinto osele uziphumelele, kunye namava akho emisebenzi. Oku kuya kukunceda ufumane umsebenzi owenziwa ngeeholide ngelixa ufunda. Ukongeza, kuya kukunceda ufumane umsebenzi njenge gqwetha eliqeqeshwayo.
Ileta yekhava luxwebhu olubalulekileyo olukhapha uxwebhu lwakho lokucela umsebenzi xa ufaka isicelo. Nangona kunjalo, ileta yekhava kufuneka yohluke kuyo yonke ifemu ofaka isicelo kuyo njengomfundi, umntu ophumelele isidanga, okanye igqwetha.
Izakhono zodliwano-ndlebe
Xa abaqeshi abanokukuqesha sele belijongile ixwebhu lakho lokucela umsebenzi, banokukumema kudliwano-ndlebe. Ukhuphiswano kwimarike yomthetho luqatha. Ke ngoko, qinisekisa ukuba ufunda kwaye uziqhelanise nezi zakhono zodliwano-ndlebe.
Ukongeza, ziqhelanise nokuphendula imibuzo yodliwano-ndlebe eqhelekileyo kunye nabanye abafundi okanye usapho lwakho. Oku kuya kukunceda ulungiselele umsebenzi wakho wexesha leeholide kunye nokunkqo-nkqoza njenge gqwetha.
Abantu baphinde babuze
Kuthatha ixesha elingakanani ukuba ligqwetha eMzantsi Afrika?
Kuthatha iminyaka emihlanu ubuncinane ukuba ligqwetha eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, ukuba ungathanda ukuba ligqwetha, kuya kufuneka ugqibe isidanga seminyaka emine se-LLB kunye nesinye (ukuba ugqibezela inkqubo ye PVT yeeyure ezingama-400) okanye iminyaka emibini yamanqaku. Oko kukonke yiminyaka emithandathu ubuncinane.
Zeziphi iimfuno zokuba ligqwetha?
Ukuze ube ligqwetha eMzantsi Afrika, kuya kufuneka ugqibe isidanga se-LLB, ukunkqo-nkqoza njenge gqwetha, ugqibezele inkqubo ye-PVT, uphumelele iimviwo ezisekelwe kubuchule be-LPC, kwaye wamkelwe njenge gqwetha yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika.
Ungakanani umvuzo wegqwetha eMzantsi Afrika?
Igqwetha linokufumana nawuphi na umvuzo wemali ukusukela kuma-400 000 wamarandi njenge gqwetha elisaqalayo ukuya kwi-3 500 000 wamarandi njenge gqwetha eliphezulu kwenye yeefemu ezintlanu ezinkulu zomthetho eMzantsi Afrika.
Igqityelwe ukuhlaziywa ngama-23 ka Juni ngowama-2026.